Story: Nikilitha Burns
KOMANI – Kwamkelwe ngentlungu ukusweleka kukaKulile Maceba, obeyi-Director ojongene ne-Integrated Development Plan (IDP) kuMasipala wase Enoch Mgijima
Kuvakaliswe ukuba lo ka Maceba ubegula kutshanje waza wafakwa kwisibhedlele iLife eKomani ngaphambi kokuba athunyelwe kwesinye isibhedlele eGqeberha ukuze afumane unyango olungaphezulu.
USodolophu woMasipala wase Enoch Mgijima, uCllr Madoda Papiyana, uthi ukugula kukaMaceba ngokukhawuleza kwabangela inkxalabo, kodwa bebenethemba lokuba uza kuphila. Uthi umasipala ushiyeke exhelekile kwaye ulusizi kakhulu ngale lahleko.
UPapiyana udlulise amazwi ovelwano kusapho, kubahlobo nakwabo bebesebenza noMaceba ngeli xesha lobunzima.
