Story: Asive Matwa
IDUTYWA – Zime ngxi iinkqubo zokusebenza kwilokishi iZone 14 kwidolophu iDutywa. Oku kulandela imigushuzo yabahlali nalapho bekhalazela ukusilela kokuhanjiswa kweenkonzo ezingundoqo eziquka izindlu, indlela kwakunye nelindle elibangenela kumatyotyombe abo .
Abahlali bathi sele iyiminyaka ngoku behlala ebugxwayibeni nangona abasemagunyeni kudala bebathembisa ngokubakhela izindlu.
Kungoku nje nezithuthi azikwazi ukugqitha ngenxa yoluqhankqalazo.

