Story: Linda Magazi
Ongumhlali eCacadu e-Upper Ngonyama obeyinxalenye yokwenziwa kwe paving kule ngingqi utyhola ngelithi basajonge enkalweni ekubhatalweni kwabo nalapho kudala besebenza phantsi koxinzelelo lokungafumani inzuzo.
Lomhlali uphalaze imbilini yakhe etyhola ngelithi abanye babasebenzi bakreqa emsebenzini bashiyeka bengabasetyhini bodwa nabathe banyamezela phantsi kweemeko ezimaxongo zokuntyumpa-ntyumpeka ematyaleni.
Le project kuvakala ukuba yagqitywa ngo March kodwa akukabikho ukubhataleka kubo, ekwabeka nesityholo sokusokola konokontraka ekufuneka aboleke imali ukuze abhatale abanye abasebenzi.
Lomhlali utyhola ngelithi abantu abapeyayo rhoqo ngomhla wamashumi amabini anesihlanu ngenyanga kwamasipala abanaxesha labo kwaye kulindeleke bavote kunjalo bexhaphazeka .
Simbhalele umasipala malunga nale nyewe, nalapho athe uzakubuyela kuthi sileli jelo.
