Vukani Community Radio

Story: Zimasa Mbandezelo

Limiselwe umhla wama-27 kulenyanga ityala lika Sakhumzi Sibhuqashe ochithe malunga nesixhenxe seminyaka engaphakathi entolongweni ngetyala lokubulala amantombazana awayefunda ibanga leshumi (Grade 12) kwisikolo samabanga aphezulu iNcuncuzo ngo 2019.

Ingxelo ithi inkundla kamantyi kuCofimvaba izakuliqalela elityala ekuqaleni nanjengoko kuvakala ukuba umantyi owayelichophele wabhubha nezinye izizathu ezaphazamisana netyala eli. Umzali womnye wabafikazi uthi akukho lula ukuthi bayoneliseka okanye hayi kukuqhutywa ngokutsha kwetyala eli kodwa babulela ukuba libe lisaqwalaselekile, ekwabulela nenkxaso abayifumana kuluntu.

Ukanti usihlalo we ANC Youth League kwi Chris Hani Region uSimamkele Qwele uthi bazakuthi chu ngcembe nalo elityala nanjengoko bengahambisani nempatheko mbi kumanina, esithi okusemdleni kukuba anganikwa bheyile ummangalelwa.

Obefudula engusihlalo we-Intsika Yethu Women’s Caucus phakathi konyaka u2016 no 2021 uKholiswa Kolanisi uthi noko inabo ubuheshe-heshe indlela eqhuba ngayo ingalo yomthetho.

Lo ka Kolanisi uthi kona nayo iCovid 19 yadlala indima ekuphazamiseni elityala, kodwa yona ingalo yomthetho iwenzela phantsi amalungelo amanina nokuba isizathu besisithini kodwa ixesha lelityala libe lide kakhulu kube kanti alikaqosheliswa nanjengoko lize kuvuselela amanxeba ebesele ezama ukuphola.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *