Vukani Community Radio

Story: Nondumiso Mpaka

Amapolisa aseNgcobo ebambisene namasebe karhulumente atyelele kwisikolo samabanga aphezulu iGwarhubana eGqutyini ukuyobaxhobisa abafundi ngendlela zokuziphatha kwanokunqanda umlo wamakhwenkwe abulalanayo.

Oku bakwenza bebambisene namasebe karhulumente afana nelo lezeMpilo, eleZophuhliso Loluntu kwanalawo angekho phantsi kukarhulumente, kwanemibutho ejongene nokulwa ulwaphulo-mthetho. Abazali nabo bebeyinxalenye yoku.

Ongumzali uZamiwonga Konile uthi ukufikelwa zezindwendwe kuthetha lukhulu kuba baxakene nabantwana abalwayo kungoko bevuya xa kuthetha abanye abantu, esithi nabo ezizinto babezenza kodwa hayi ngalendlela abantwana benzangayo noko ibenzela ixhala bengabazali kuba bafuna impumelelo ebantwaneni babo.

Iititshala zilivuyele eliphulo lokuxhobisa abafundi.

Ongutitshala kwisikolo uMr Dungulu uthi kunzima kakhulu kwisikolo esi, abantwana basoloko besilwa bazinikele nakwiziyobisi ntoleyo engabaphathi kakuhle, esithi babenayo nengxaki kunyaka ophelileyo yokuqhekezelwa kwamoshwa izinto zabafundi kodwa ngoku banethemba elikhulu lokuba bazakutshintsha kwisimo abakuso abafundi.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *