Vukani Community Radio

Story: Nikilitha Burns

Isikhululo samaPolisa saseBholothwa kutshanje siqhube inkqubo yokubulela nokuncoma amalungu awo ngenxa yenkonzo egqwesileyo nokuzinikela ekukhonzeni uluntu.

Le nkqubo ibibanjelwe kwiziko lamapolisa eBholothwa, apho amagosa aphezulu anikezele ngeembasa nezeqinisekiso zokuwonga amalungu athe agqwesa kwiindima ezahlukeneyo. Injongo ibikukukhuthaza ubungcali, ukomeleza, intsebenziswano, nokuphucula inkonzo eluntwini.

I-Letlaka Agri-group kunye neCommunity Policing Forum beziyinxalenye yalomsitho. Isikhululo saseBholothwa siphinde saqatshelwa njengesinye sezona zikhululo zigqwesileyo kwinkonzo yoluntu ngokusekelwe kwingxelo zabahlali ezithunyelwe ngeMySAPS App, nto leyo ebonisa inqanaba eliphezulu lentembeko kuluntu.

UCaptain Xolani Vava ongu Station Commander wase Bholothwa ugxininise ukuba le mpumelelo mayibe yinkuthazo yokuba amagosa aqhubeke nokusebenza ngokuzinikela, ubulungisa, kunye nokusondeza iinkonzo zamapolisa eluntwini.

Le nkqubo ibibanjelwe kwiziko lamapolisa eBholothwa (Photos: Supplied)

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *