Vukani Community Radio
;

Story: Nikilitha Burns

KOMANI – Amapolisa aseMlungisi eKomani athe aqhuba iphulo lokubamba abemi bamanye amazwe abakrokrelwa ukuba bahlala kweli ngaphandle kwamaphepha asemthethweni.

Bangama-20 abemi bamanye amazwe ababanjiweyo bathathwe basiwa kwiSebe leMicimbi yezeKhaya ukuze kuqinisekiswe ubume babo bokufudukela kweli.

Abathandathu kufunyaniswe ukuba banamaphepha asemthethweni okungena nokuhlala eMzantsi Afrika, logama abali-14 kufunyaniswe ukuba bahlala kweli ngokungekho mthethweni.

Abo bali-14 basiwa kwisikhululo samapolisa saseKomani, apho balindeleke ukuba kuqhutyekwe neenkqubo zokubuyiselwa kumazwe abasuka kuwo.

Isithethi samapolisa kwisithili sase Chris Hani u Captain Yolisa Mgolodela uyacacisa.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *

;