Story: Nondumiso Mpaka
NGCOBO – Bebephume ngobuninzi abantu base Ngcobo bekhumbula uNdabuko Mbekeni kwinkonzo yakhe yesikhumbuzo nebibanjelwe eIndoor Sport Centre eNgcobo.
UNdabuko Mbekeni nobelilungu le Truck and Van Association, ekwangusihlalo kwi Crisis Committee uthe wasutywa kukufa emva kokudutyulwa.
Oogxa bakhe kumacandelo ohlukeneyo bavakalise ukuba uNdabuko ibingumntu obehlakaniphile kakhulu efuna ukubona uluntu lwase Ngcobo ingakumbi kushishino bebheka phambili.

