Vukani Community Radio
;

Story: Nondumiso Mpaka / Photos: Supplied

NGCOBO – Amalungu eBranch yeKaizer Chiefs eNgcobo anikele ngokutya kusapho lakwaBhontsi kwindawo yasePholile, emva kokusweleka kukaNombulelo Bhontsi.

Eli nyathelo lilandele isicelo soncedo esenziwe lelinye lamalungu ale Branch, elathi lacela ukuba kusetyenzwe ekuncedeni usapho olujongene nobunzima emva kwesi sehlo. Usapho lakwaBhontsi, oluthi lujamelene neemfuno ezininzi, lucele uncedo kule Branch, ingakumbi ngenxa yokuba sele yakha yanceda amaxhoba aseMthatha ngaphambili.

Elinye lamalungu eBranch, uAbonga Komsana, uthi umsebenzi wabo kukuncedisa amakhaya asweleyo nokubonisa ukuba ibhola ayipheleli ebaleni kuphela.

Uthi ibhola ibandakanya izinto ezininzi, kuquka nokuthatha inxaxheba kumaphulo okulwa ulwaphulo-mthetho kunye nokuxhasa uluntu olujongene neemeko ezinzima.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *

;