Story: Asive Matwa
KUGOMPO CITY – i Arhente yoKhuseleko lweNtlalo yaseMzantsi Afrika, i-SASSA, ibhiyozela iminyaka engama-20 yokubonelela ngoncedo loluntu kwizigidi zabantu baseMzantsi Afrika ku Gompo.
Oyi Chief Executive Officer kule arhente uThemba Matlou ugxininise imizamo yale arhente yokwenza iinkonzo zayo zibe zezanamhlanje kwaye kube lula kubaxhamli ukufumana uncedo. Ukuthethe oku ngexesha lombhiyozo obubanjwe yile arhente.
Matlou ukwathi basungule inkqubo entsha ye App nezakuvumela abaxhamli ukuba bafumane iinkonzo ezikhethiweyo ngaphandle kokutyelela ii-ofisi zakwa-SASSA.
Kulindeleke ukuba le app incede ekunciphiseni isidingo sokuba abaxhamli bachithe iiyure ezininzi belinde emigceni kumasebe, ngelixa besenza iinkonzo zibe lula kwaye zifikeleleke.
I-SASSA ithi utshintsho lwedijithali luyinxalenye yemizamo yayo ebanzi yokuphucula ukunikezelwa kweenkonzo njengoko le arhente ijonge kwiminyaka engama-20 ezayo.

