Story: Zimasa Mbandezelo
COFIMVABA – Umongameli wombutho i-Al Jama-Ah uGanief Hendricks unyathele komkhulu eQamata ngeliyokukhahlela kuKumkani Dalimvula Matatanzima. Oku kuyinxalenye yamalungiselelo onyulo ekukhangelwe kulo lorhulumente bamakhaya.
Ngokutsho kukaHendricks ayikokokuqala enyathele kwelikomkhulu, ukwathi iingxaki zokungahambi kakuhle kweenkonzo ezifana neendlela, amanzi zezinye zezinto abazimisele ukuzilungisa.
Kunjalo uNkosi Gcinuhlanga Thambekile uthi belikomkhulu bayazamkela iindwendwe kwaye kusemdleni wekomkhulu ukuba wonke umntu amkeleke. Ukwathi banesivumelwano nalombutho sokuncedwa kolutsha ngokuvulwa kweefama ezinokuthi ziveze amathuba kulutsha.
