Story: Nikilitha Burns / Photo: Mdaliwoxol Xhongo
WHITTLESEA – Umbutho we African Transformation Movement (ATM) uthi uzakugxininisa ekuphuculeni iinkonzo zoluntu, ekudaleni amathuba emisebenzi nasekuphuculeni iimeko zoluntu ukuba ithe yaphumelela kunyulo loomasipala oluzayo.
Oku kuthethwe nguThandiswa Marawu, onguMongameli wephiko lamanina eATM, ngexesha lephulo lokwazisa uluntu eWhittlesea.
UMarawu uthi lo mmandla usajongene nemingeni efana nemingxuma ezindleleni kunye nemeko yesibhedlele, esithi i-ATM iza kuqinisekisa ukuba iikontraka ezinikwa umsebenzi wokulungisa iindlela zinamava afanelekileyo.
Ukwathe iqela liza kugxininisa ekuxhobiseni ulutsha ngezakhono, kuquka ukusekwa kwamaziko ezakhono anokunceda abantu bafumane amathuba emisebenzi.
Ethetha ngemeko yentswela-ngqesho, uMarawu uthi imali efana nesibonelelo se-R350 ingasetyenziswa ukuxhasa amaphulo anokudala amathuba emisebenzi, kuquka ukusekwa kwamashishini neefektri.
Ukwathe intswela-ngqesho kufuneka iqwalaselwe xa kusonjululwa eminye imingeni yoluntu, kuquka ubundlobongela obusekelwe kwisini, i-GBV.
UMarawu ukwathe i-ATM ixhasa izohlwayo eziqatha kubantu abafunyaniswa benetyala lolwaphulo-mthetho olunzima, kuquka isigwebo sobomi entolongweni okanye isigwebo sentambo.
