Vukani Community Radio

Story: Khaya Gwentshe / Photo: Supplied

CACADU – Ityala lokubulawa kukaBathandwa Ndondo liqhubekile namhlanje kwiNkundla kaMantyi yaseCacadu.

Owayesakuba lipolisa elikhokheleyo phantsi korhulumente wengcinezdlo , u-Eugene de Kock, obelindeleke ukuba anike ubungqina, akakwazanga ukuvela enkundleni ngenxa yempilo engentlanga nobudala.

Nangona kunjalo, inkundla iqhubekile nalapho ive ubungqina bukaSeitshirwe Sejosengoe, owayehlala kwindlu apho uNdondo wadutyulwa khona, kunye nowayesakuba nguKapteni we-SAPS uGeneral Mampofu, owayenguSergeant ngelo xesha nowayephethe uphando kwindawo yesiganeko.

Ityala liza kuqhubeka ngomso kwinkundla yaseKomani, nalapho u-de Kock kulindeleke ukuba anike ubungqina kusetyenziswa izixhobo zedijithali (virtually).

UProfessor Lungisile Ntsebeza othethela usapho uyacacisa.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *