Story: Zukisa Mbobi
CACADU – Isikolo samabanga aphantsi i-Grey Span kuqatshelwe usuku loshishino nalapho abafundi bezivulele iindawo zokuthengisa kwalapha esikolweni.
Lomsitho uzinyaswe ngabazali nootitshala kuquka nabafundi abasuka kwisikolo Stony Croft esisuka kwilali yase Trust.

Omnye wosomashishini u Sima osuka kwinkampani yakhe i-Sima Nails and Beauty ucebise abafundi ukuba basebenzise namaqonga onxibelelwano ukutsala abathengi, ukwakhankanye nokubaluleka kokuzinikela nokubekela bucala uloyiko ekuqaleni phantsi.
U-Sima ukwacebise abafundi nokuqobisana nemiceli mngeni xa umntu eziqhubela ishishini, ukwakhuthaze ukuba abafundi xa beqhuba ushishino funeke baqhaphele neentsuku zokushishi kwaye ixesha labahlobo lithanda ukucutheka xa ungusomashishini.

