Vukani Community Radio

Story: Zimasa Mbandezelo / Photos: Supplied

TSOMO – Ukonakala kwebhulorho into echazwe njenge ngaphaya kweminyaka elishumi kwilali yaseMdeni, eGqogqorha kubangele ukuba amalungu ombutho we Economic Freedom Fighters (EFF) abhinqele phezulu esakha le bhulorho.

Ngokutsho kuka Siviwe Tyeda walombutho bakhuphe imali zokuthenga iisamente, bafuna uphayiphi ukuze bokhe le bhulorho emva kokumamela ukukhala kwabantu nalapho besithi ibhasi abaxhomekeke kuyo ukuze baye edolophini ayisahambi ngenxa yokuqhekela kwale bhulorho.

Lo ka Tyeda ukwathi bayigqibile ibhulorho kodwa ngoku kuvela amarhe wokumiswa kweebhasi ngabasemagunyeni kuba besithi kufuneka kuze ii-inspectors nto leyo eshiya umbuzo wokuba zaziphi ii-inspectors ngexesha apho abahlali babezenzele kwalebhulorho ngeepali. Waleke ngelithi okusemdleni wabo kukunceda uluntu lukwazi ukufikelela kwiindawo olufuna ukuya kuzo.

Kwangaxeshanye ongomnye wabahlali uMandlakayise Mnganga uthi banovuyo yinto abayenzelwe yi EFF nanjengoko bekunzima ukuya edolophini kude kugqithise xa kunethile nanjengoko kungekho moto ihambayo.

Ukwathi kudala bayixela le bhulorho kwabasemagunyeni kodwa zange babanceda ngokuyakha kwakhona nanjengoko kudilike leyo babeyenzelwe ngabantwana babo ebabedibanise iimali zabo ukuthenga iisamente basebenzisa neepali.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *