Vukani Community Radio

Story: Nondumiso Mpaka / Photo: Supplied

NGCOBO – Zibuyele kwisiqhelo izinto kwidolophu yaseNgcobo emva kokuba usodolophu womasipala wesithili seChris Hani uCllr Lusanda Sizani, iinkokheli nesigqeba sakhe beze eluntwini emva kwentlanganiso etsale imini yonke izolo.

UCllr Sizani uthethe noluntu lwaseNgcobo, evakalisa ukuba uMunicipal Manager, uLucky Mulaudzi, unqunyanyisiwe emsebenzini kangangeenyanga ezintathu ukuze kuqhutywe uphando ngezityholo zokusebenzisa gwenxa imali kamasipala abekwa zona.

Ezi ndaba zamkelwe ngabantu baseNgcobo, nangona abanye bexele ukuba esi sigqibo siza kufuna ingqwalasela enkulu ukuqinisekisa ukuba inkqubo yophando iqhutywa ngendlela efanelekileyo necacileyo.

Kulindeleke ukuba kubanjwe enye intlanganiso apho kuza kunyulwa khona umntu oza kusebenza njenge-Acting Municipal Manager ngeli xesha uMulaudzi enqunyanyisiwe.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *