Vukani Community Radio

Story: Asive Matwa

NGQAMAKHWE – Intombazana eselula yaseNgqamakhwe yenza uluntu lwayo luzingce emva kokuphumelela ibhaso lokhuphiswano lonobuhle uMiss Little Africa South Africa.

U-Awande Bekanjani oneminyaka elishumi elinanye ubudala, oyinzalelwane yelali yaseMtebhele eNgqamakwe, onetalente nokuzithemba uchukumise uluntu luphela ngobubele bakhe, nesakhono sakhe eqongeni, kwaye ufumene ukuqatshelwa phakathi kwabathathi-nxaxheba abaninzi.

Impumelelo yakhe ibhiyozelwe ngu Masipala wase Mnquma, usapho, abahlobo, namalungu oluntu, nabathi ukhuthaza abanye abantu abaselula.

Isithethi sikaMasipala waseMnquma, uLoyiso Mpalantshane, uthe umasipala unebhongo neqhayiya ngoAwande, esithi impumelelo yakhe ayiphakamisanga nje igama likaMasipala waseMnquma kuphela, koko iphakamise nefleg yoMzantsi Afrika kwinqanaba lehlabathi.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *