Story: Asive Matwa
KUGATYANA – Umasipala wesithili i-Amathole ebambisene nomasipala iMbhashe nombutho iBattle of Lurwayizo Development (BOLD) bebebambe umsitho wesikhumbuzo seminyaka engama-39 sedabi laseLurwayizo “Battle of Lurwayizo”, kwilali iLurwayizo kuGatyana.
Lomsitho ubuzinyaswe ngusodolophu wase Amathole uCllr Anele Ntsangani, usodolophu wase Mbhashe uCllr Samkelo Janda, amalungu ombutho iBOLD kwakunye noluntu lwase Lurwayizo.
Eli dabi linobugorha libandakanya udubulo olukhulu olwaqhubeka iiyure ezingama-36 phakathi kwamajoni eMK Guerilla kunye nomkhosi odibeneyo osuka eTranskei naseMzantsi Afrika ngonyaka ka1987.
Omnye wamalungu eBOLD uKenny Jaft uthi lenkqubo ayisosikhumbuzo nokugcina imbali kuphela kodwa injongo yayo kukwenza uxolo ngokuthi iphuhlise abantu bale ndawo, ukurhweba abatyali-zimali kunye nokuphuhlisa uqoqosho lwasekuhlaleni.
