Vukani Community Radio

Story: Asive Matwa

XHORA – Umbutho United Democratic Movement (UDM) wamkele amalungu amatsha eXhora, nto leyo eliqela eliyichaza njengenyathelo eliya phambili ekuqiniseni ubukho balo nokwandisa inkxaso eliyifumanayo kuluntu lwasekuhlaleni.

Lo msitho ubuzinyaswe ngusekela mongameli walombutho Nqabayomzi Kwankwa, abaxhasi be-UDM, amalungu oluntu nabamele eliqela, ababehlanganisene ukuze bamkele ngokusemthethweni amalungu matsha kulombutho.

Lamalungu avakalise umbulelo ngolwamkelo olufudumeleyo, esithi akhangele phambili ekusebenzeni namanye amalungu nasekufakeni igalelo kwiqela nakuluntu. Lo msitho uza ngexesha apho imibutho yezopolitiko iqhubeka nokusebenzisana noluntu kulo lonke elaseMpuma Koloni, ngelixa imiba yasekuhlaleni kunye nophuhliso loluntu zihlala zingundoqo kwiinkxalabo ezikhoyo.

UKwankwa ukhuthaze amalungu alombutho nabaxhasi eXhora ukuba bahlale bemanyene kwaye bezinikele ekukhonzeni uluntu lwabo.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *