Story: Nondumiso Mpaka
NGCOBO – Ime ngxi idolophu yaseNgcobo namhlanje ngenxa yoqhankqalazo lwabahlali abafuna ukuba uManejala kaMasipala wasekuhlaleni iDr AB Xuma, uMnu Khathutshelo Lucky Mulaudzi, kwakunye nabo bakwisikhokelo, bashiye kwizikhundla zabo.
Oku kuza emva kokuba isikhokelo sibekwe izityholo zokusebenzisa imali kaMasipala gwenxa, nto leyo ebangele ukuba iinkonzo nemisebenzi ethile zibonakale zime ngxi.
Abahlali baseNgcobo bathi basenethemba lokuba iinkokheli abangasenathemba kuzo ziya kushiya izikhundla zazo. Okwangoku, abahlali basame ndawonye, bevakalisa ukungoneliseki kwabo kwaye befuna ubunkokheli obunokusebenza ngokufanelekileyo ukuze uluntu lwaseNgcobo lufumane iinkonzo ezilufaneleyo.
Sisekwinzame zokuthetha noSodolophu walomasipala uSiyabulela Zangqa malunga nezi zityholo, ukuze kufunyanwe ingcaciso engaphezulu ngalo mba.

