Vukani Community Radio

Story: Nondumiso Mpaka

NGCOBO – Icandelo lesiPolisa, abombutho we Pan Africanist Congress of Azania (PAC) kwakunye namalungu e-Community Police Forum (CPF) eNgcobo atyelele kwikhaya lika Tata uPhumzile Bhonga nothe wasweleka nobelilungu le CPF, utata uBhonga ugqibe iminyaka ezithengisa esitalatweni edolophini, uthe wasweleka emva kwengulo ende.

The late Tata uPhumzile Bhonga

Obekunye naye kumbutho we PAC uTata uBheta uthi basebenze kakhulu no tata uBhonga nobengumntu obefuna kusetyenzwe nasembuthweni efuna uluntu luxhamle kwiinkonzo zikarhulumente, ebezinikele, bathi makaphumle ngoxolo.

Olilungu le Community Police Forum umama uKutu uvakalise ukuba basebenze kakhulu naye iminyaka, efuna kwenziwe umsebenzi wokulwa ulwaphulo-mthetho ingakumbi ezilalini, esithi usweleke efuna kuliwe kakhulu lento yomlo wamakhwenkwe ingakumbi ezikolweni.

Bekutyelelwe kwikhaya lika Tata uPhumzile Bhonga eNgcobo nothe wasweleka

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *