Story: Nondumiso Mpaka
NGCOBO – Bezivaliwe ezinye iivenkile edolophini eNgcobo ingakumbi ezo zabantu bangaphandle, kungqongophele kwanabo bathengisa ezitendini, amapolisa egcwele ndawo yonke ukugcina ucwangco kumngcelele ubusekwe ngamalungu ombutho we Ngcobo Yethu Civic Organisation (NYCO) nobujolise kwisikhululo samapolisa ukuyoma kumasipala kudluliswa ngoxwebhu lwezikhalazo oluqulathe ukuba abo bangaphandle bangenampepha mvume ukuba mabahambe kuledolophu.
Oku kuza emva kwesankxwe esiqhutywa kuzwe lonke nalapho kusithiwa abemi bangaphandle abakweli ngokungekho mthethweni mabapakishe imithwalo yabo bahambe, nabo abase Ngcobo babeke izikhalo besithi izinto zonakala mhla kwafika ababantu kuba yonke into bayenza ngokungekho semthethweni.
Abo baqhuba amashishini bengabantu abatsha nabo bebeyinxalenye ye matshi. Uxwebhu lwezikhalazo lwamnkelwe kumacala omabini kwicandelo lesiPolisa nelo lakwa Masipala.
