Story: Khaya Gwentshe
CALA – Uluntu lwaseCala kunye neSakhisizwe Cultural Organisation luhlanganisene ukuvuyisana nokunqwenelela uLuyanda Whaly Kula uhambo oluhle njengoko esiya kuthatha inxaxheba kwi-UPKA International Music Course eKapa.
UKula, ongumculi wekwayala nomqeqeshi womculo, unconywe ngomsebenzi wakhe wokukhulisa nokukhuthaza ulutsha ngomculo. UMelikhaya Boya weSakhisizwe Cultural Organisation uthe igalelo lakhe lincede ulutsha oluninzi ukuba luzibandakanye kwizinto ezakhayo.
UKula ukhuthaze abantu ukuba bangaze bancame amaphupha abo, nokuba iinjongo zabo zibonakala zikude kangakanani.
Lo ka Boya uncome uLuyanda Whaly Kula ngokuzimisela kwakhe ekukhuliseni nasekukhokeleni ulutsha ngomculo. Uthe ngenxa yomsebenzi wakhe, ulutsha oluninzi lukhethe umculo endaweni yeziyobisi nezinye iingxaki ezixhaphakileyo ekuhlaleni.
Njengoko esiya kwi-UPKA International Music Course eKapa, uluntu lwaseCala lumthumela ngeminqweno emihle, lunombulelo ngegalelo lakhe elikhulu kulutsha nakuluntu ngokubanzi.

