Story: Nikilitha Burns
KOMANI – UMasipala wasekuhlaleni wase-Enoch Mgijima ngokubambisana namasebe karhulumente kunye nee-Forum ezijongene nemicimbi yolwaluko, kutsha nje ububambe iintlanganiso ze-PITT (Provincial Initiation Technical Task Team) kunye ne-PICC (Provincial Initiation Coordinating Committee).
Ezintlanganiso bezijolise ekuhloleni amalungiselelo exesha lolwaluko lwasebusika kwaye bezibanjelwe kwizakhiwo zebhunga lomasipala wesithili seChris Hani eKomani.
UNkosi Gwazinamba Matanzima, onguSihlalo we-PICC kwiphondo leMpuma Koloni, uthi ezintlanganiso bezijolise ekuqinisekiseni ukuba zonke ii-forum kumasebe ahlukeneyo, kunye namasebe karhulumente achaphazelekayo, zikulungele ngokupheleleyo ukujongana nexesha lolwaluko.

UMatanzima ugxininise ukuba le nkqubo ijolise ekomelezeni intsebenziswano phakathi kwamasebe karhulumente, iinkokheli zemveli, ii-forum zengingqi kunye noluntu ngokubanzi, ukuze kuqinisekiswe ukuphunyezwa kwemisebenzi ngocwangco nangokufanelekileyo.
Ukongeza, uthi eyonanjongo iphambili yalenkqubo kukujonga ukulungela kwamacandelo onke, ukuqinisekisa ukhuseleko lwabakhwetha, ucwangciso olufanelekileyo, kunye nokuthintela iingxaki ezinokuthi zivele ngexesha lolwaluko.
Le misebenzi iyinxalenye yemizamo eqhubekayo yokuphucula ulawulo, intsebenziswano kunye nokhuseleko ngexesha lolwaluko kwiindawo ezahlukeneyo zephondo.
