Story: Nikilitha Burns
Abahlali abathathu baseThornhill eKomani bathe bahlaselwe ngabemi bangaphandle kulandela ingxabano enxulumene nokuthengwa kwezinto zokwakha kwiivenkile zehardware zasekuhlaleni.
Ngokwengxelo katata ocele ukungachazwa ngegama, uthi wavula ivenkile eyi-hardware yakhe waze wathenga izinto zokwakha kubemi bangaphandle eKomani edolophini, kodwa kamva kwathiwa abo bathengisi bagqiba ekubeni bangabaniki loo mpahla nangona sele beyihlawulele.
Le ndoda ithi emva koko babhalele umbutho wabemi bangaphandle incwadi becela ingcaciso ngesizathu sokungayinikwa kwabo impahla, kule ncwadi bakwathi xa bengafumani mpendulo baza kuvala ezi hardware de banikwe izinto zabo zokwakha.
Ababahlali batyhola ngelithi phambi kokuba bayokuvala ezivenkile bagqithile kuMapolisa ase Thornhill beyokucela ukukhatshwa ze lamapolisa abayalela ukuba bazihambele.
Kutyholwa ukuba emva kweli phulo lokuvala ii-hardware, aba bahlali bathathu baye bahlaselwa ngabemi bangaphandle.
Amaxhoba athi sele evule ityala emapoliseni, kodwa axelelwe ukuba makalinde de kube ngoLwesine ngenxa yokuba kusalindwe iziphumo ze J88 ezinxulumene nokonzakala kwabo.
