Story: Nondumiso Mpaka
Amalungu ombutho we Ngcobo Yethu Civic Organisation (NYCO) atyelele kwisikolo samabanga aphantsi iZwelinzima eNgcobo ukuzonikezela ngezihlangu zesikolo kwakunye ne sanitary towels kubafundi besikolo, apho lombutho uthe wangenelela ukuzibonakalisa ingakumbi kwabo basweleyo.
Oyinkokheli kumbutho uEsethu Mntsantsa uthi basuswe sisikhalo sabantwana ekufuneka babolekisane ngezihlangu nto leyo efike kubo ayabaphatha kakuhle babona bezinkokheli ukuba kuyadingeka bangenelele bancedisane nabazali, abantwana kwakunye neetitshala.

Ongumzali umama Nokwakha Mafilika nonomntwana othe waxhamla uthi wenza umbulelo kubantu be NYCO kuba basentsokolweni enkulu kakhulu kodwa uthi ngokunyathela kwababantu bezise ezizihlangu kuzawuwenza umahluko kuba ngenene bazakuncedakala.
Oyinqununu kwisikolo uZukiswa Mabhentsela wenze umbulelo ongazenzisiyo kubantu be NYCO, esithi kwande apho bathathe khona kuba enye yeengxaki ebezikhona bayincothule.
