Story: Nondumiso Mpaka
Abahlali bakwa Ndevu nakwa Tshapile eNgcobo bathe banikezwa amatanki amabini yinkampani yakwa Sasol Garage phantsi kwenjongo zokubanceda balwe umceli-mngeni wamanzi abajongene nawo, nabathi bathenjiswa kwinyanga esiyishiya ngasemva.
Abahlali bathi babulela kakhulu ngesisipho samatanki kuba bayasokola kakhulu, iitephu zabo zikhe zingaphumi manzi ngamanye amaxesha kufuneke bayokha kwindawo ezingacocekanga.

Abakwa Sasol Garage nabamelwe nguPhilisa Titus bathi okwabo kukunceda uluntu besenza imbuyekezo kuba nabo baxhaswa kakhulu kwishishini labo kungoko bebone mabakhe bolule isandla kubahlali bakwa Ndevu.
U-Ceba wendawo uCllr uSivuyile Plaatjie uthi unkqonkqozile kumzi wakwa Sasol bathembisa ze bakufezekisa oko naye uyavuya, uthi bazama kangangoko ukuncedisana nabahlali kwiingxaki zabo kwaye bazothi gqolo ukuyobafunela uncedo.
